Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 13:24-29 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ngaphambi kokufika kukaYesu, uYohane wawashumayeza onke amaSirayeli, esithi makaziguqule iindlela zawo aze abhaptizwe.

25. Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’

26. “Mawethu, nzala ka-Abraham, nani nonke zintlanga zimhlonelayo uThixo, olu daba losindiso lwathunyelwa kuthi.

27. Kaloku abantu baseJerusalem, bekunye neenkokheli zabo, babengamazi, bengawaqondi namazwi abashumayeli bamandulo afundwayo ngayo yonke iMihla yokuPhumla. Kodwa bâwazalisekisa amazwi abo bashumayeli ngokumgweba uYesu.

28. Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.

29. Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 13