Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 10:45-48 Ibhayibhile (XHO96)

45. AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga,

46. kuba baziva zithetha ngalwimi zimbi, zidumisa uThixo. UPetros wathetha wathi:

47. “Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.”

48. UPetros ke ngoko wathi mababhaptizwe egameni likaYesu Krestu. Ke yena bamcela ukuba akhe ahlale nabo iintsukwana.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 10