Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 10:42-47 Ibhayibhile (XHO96)

42. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.

43. Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”

44. Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule.

45. AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga,

46. kuba baziva zithetha ngalwimi zimbi, zidumisa uThixo. UPetros wathetha wathi:

47. “Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 10