Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 10:33-42 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”

34. UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu.

35. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.

36. Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke.

37. Niyasazi isiganeko esenzekayo kulo lonke elakwaJuda, ukuqalela eGalili, emva kokushumayela kukaYohane ngobhaptizo.

38. Nivile ngoYesu waseNazarete owathanjiswa nguThixo ngoMoya oyiNgcwele waba namandla. Wayehamba kulo lonke, esenza okulungileyo, ebaphilisa bonke ababephantsi kwamandla omtyholi, kuba uThixo wayenaye.

39. Thina singamangqina ako konke awakwenzayo eJerusalem nakwelamaJuda. Bambulala ngokumbethelela emnqamlezweni,

40. waza uThixo wamvusa ekufeni ngosuku lwesithathu.

41. Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni.

42. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 10