Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 10:30-36 Ibhayibhile (XHO96)

30. Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,

31. wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa.

32. Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’

33. Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”

34. UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu.

35. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.

36. Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 10