Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 1:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa.

3. Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo.

4. Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso.

5. Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”

6. Xa babendawonye, abathunywa bambuza uYesu besithi: “Nkosi, ngaba uza kulubuyisela kwangoku na ulawulo kumaSirayeli?”

7. UYesu uphendule wathi: “Asiyondawo yenu ukuwazi amathuba namaxesha uBawo agqiba yedwa ngawo.

8. Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”

9. Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

10. Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo,

11. abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”

12. Baza babuyela eJerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyeMinquma, ekufuphi neJerusalem umgama omalunga nekhilomitha enye.

13. Bakungena esixekweni, banyukela egumbini eliphezulu, apho babehlala khona. YayinguPetros, noYohane, noYakobi, noAndreya; uFilipu noTomas; uBhartolomeyu noMatewu; uYakobi unyana ka-Alifeyu, noSimon iTsha-ntliziyo, kwakunye noJudas unyana kaYakobi.

14. Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.

15. Ngaloo mihla xa babehlangene ndawonye abakholwayo bemalunga nekhulu elinamashumi amabini bebonke, waphakama uPetros, wathi:

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 1