Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 9:52-62 Ibhayibhile (XHO96)

52. Ke kaloku wathuma abathunywa bakhe, ukuba bamandulele. Bahamba ke, baya kungena kwidolophana yamaSamariya, khon' ukuze bamlungiselele;

53. kodwa amaSamariya akavumanga ukumamkela, kuba uYesu wayesinga eJerusalem.

54. Bekubonile oko abafundi bakhe uYakobi noYohane, bathe: “Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho kuhle umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”

55. Wathi guququ, wabakhalimela;

56. baza baya dolophaneni yimbi.

57. Kwathi, besendleleni, othile wathi kuYesu: “Nkosi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

58. Waza uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwana; kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

59. Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

60. UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”

61. Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”

62. UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 9