Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 9:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYesu ubabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika amandla negunya lokoyisa zonke iindimoni, nokuphilisa izifo.

2. Wabathuma ukuba bashumayele bavakalise ulawulo lukaThixo, baphilise nemilwelwe.

3. Wathi kubo: “Ze ningaphathi nto yandlela: nokuba ngumsimelelo, nokuba yingxowa, nokuba sisonka, nokuba yimali. Ningaphathi zambatho ngazibini.

4. Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.

5. Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”

6. Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.

7. UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;”

8. kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”

9. UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.

10. Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.

11. Sithe isihlwele, sikwazile oko, samlandela; waza uYesu wasamkela, wathetha naso ngolawulo lukaThixo, ephilisa abo baswele impilo.

12. Yakuba ke isimka imini, abafundi abalishumi elinambini bathe kuYesu: “Sindulule isihlwele, abantu bemke, baye ezidolophini ezijikelezileyo nasezilalini, balale, bafumane ukutya, kuba apha sikwindawo engenamizi.”

13. Ke yena wathi kubo: “Bapheni nina ukutya, batye.”Bathi bona: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela. Asinakubatyisa ngaphandle kokuba siye kubathengela ukutya bonke aba bantu.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 9