Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:48-56 Ibhayibhile (XHO96)

48. UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”

49. Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.”

50. Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

51. UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo.

52. Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”

53. Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile.

54. Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!”

55. Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya.

56. Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8