Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:44-51 Ibhayibhile (XHO96)

44. usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi.

45. UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?”Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.”

46. Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.”

47. Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu.

48. UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”

49. Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.”

50. Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

51. UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8