Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:41-56 Ibhayibhile (XHO96)

41. Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo,

42. kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe.Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile.

43. Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini, engenakuphiliswa bani,

44. usondele ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sakhe, lanqamka kwangoko igazi.

45. UYesu wathi: “Ngubani lo undichukumisileyo?”Bakungazi ke bonke, uPetros wathi: “Mhlekazi, isihlwele sikungqongile, sikuxinile.”

46. Kodwa uYesu wathi: “Ukho ondichukumisileyo, kuba ndiyaqonda ukuba akho amandla aphumileyo kum.”

47. Uthe ke umfazi lowo, ebona ukuba ubhaqiwe, weza engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, waxela phambi kwabo bonke abantu ukuba umchukumisele ntoni na, ekuxela nokuphiliswa kwakhe ngesikhawu.

48. UYesu ke uthe kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo!”

49. Kwathi uYesu esathetha, kwafika mntu uthile, evela emzini wegosa lendlu yesikhungo, wathi kulo: “Intombi yakho ayisekho. Sukuba samkhathaza uMfundisi.”

50. Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

51. UYesu ke, efikile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene kunye naye, ngaphandle koPetros noYohane noYakobi noyise nonina wentombi leyo.

52. Babelila bonke, besenza isijwili; waza wathi: “Sanukulila! Ayifanga; ilele nje le ntombazana.”

53. Basuka bamwa ngentsini, besazi ukuba ibhubhile.

54. Ke yena wayibamba ngesandla, wayibiza esithi: “Ntombazana, vuka!”

55. Wabuya umoya wayo, yaphakama kwangoko; waza wayalela ukuba inikwe ukutya.

56. Bamangaliseka abazali bayo, waza wabayala ukuba bangayixeleli mntu loo nto yenzekileyo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8