Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:27-42 Ibhayibhile (XHO96)

27. Kwathi uYesu akuphumela emhlabeni, wahlangatyezwa yindoda ethile yaloo dolophu, eyayiphethwe ziindimoni. Yayinexesha elide ihamba ze, ingahlali ndlwini, ihlala emangcwabeni.

28. Ithe ke, yakumbona uYesu, yakhala, yawa phambi kwakhe, isithi ngezwi elikhulu: “Ufuna ntoni kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Ndiyakubongoza ukuba ungandithuthumbisi.”

29. Yatsho kuba uYesu wayeyikhalimele indimoni ukuba iphume kuyo, kuba kwakukaninzi le ndimoni iyihlasela, ize ke igcinwe ngokubotshwa ngamatyathanga nangamakhamandela, kanti yayisuka iziqhawule izibophelelo, isiwe entlango yindimoni leyo.

30. UYesu ke wayibuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”Yathi yona: “NdinguMkhosi,” kuba yayingenwe ziindimoni ezininzi.

31. Iindimoni ezi zazimbongoza uYesu ukuba angazigxotheli enzonzobileni.

32. Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho entabeni, zaza zambongoza ukuba azivumele ziye kungena kuwo. Wazivumela.

33. Zaphuma ke iindimoni endodeni leyo, zangena ezihagwini, waza umhlambi lowo waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

34. Bakukubona okwenzekileyo, abo babezalusa ezi hagu babaleka, baya kukuxela edolophini nasemaphandleni okuhlileyo.

35. Baphuma ke abantu, baya kuyibona loo nto yenzekileyo. Bafika kuYesu, bayifumana loo ndoda wayekhuphe kuyo iindimoni ihleli phantsi ngakuYesu, inxibile, inengqondo; baza ke boyika.

36. Abo babekubonile okwenzekileyo babaxelela ngendlela yokuphiliswa kwendoda eyayiphethwe ziindimoni.

37. Yaza yonke loo nkitha yommandla wamaGergesa yambongoza uYesu ukuba emke khona, kuba babesoyika kakhulu. UYesu ke waya kungena esikhitshaneni, wemka.

38. Ke kaloku indoda leyo zazikhutshwe kuyo iindimoni yayimbongoza uYesu, ifuna ukuhamba naye, kodwa uYesu wayindulula, esithi:

39. “Goduka, uyibalise into oyenzelwe nguThixo.” Yemka ke, yahamba iyibalisa kuyo yonke idolophu loo nto iyenzelwe nguYesu.

40. Kwathi akubuya uYesu, izihlwele zamamkela, kuba bonke babemlindile.

41. Kwabonakala kusiza indoda egama linguJayiro, eyayiligosa lendlu yesikhungo. Yona yazikhahlela phantsi ngasezinyaweni zikaYesu, yambongoza ukuba eze endlwini yayo,

42. kuba yayigulelwa yintombi yayo iqhawuka. Le yayikukuphela kwentombi yayo, iminyaka ngathi ilishumi elinambini izelwe.Ke kaloku ekuyeni kukaYesu apho, izihlwele zazimxinile.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8