Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 8:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Ke kaloku lo mzekeliso uchazwa kanje: Imbewu le lilizwi likaThixo.

12. Abo bangasendleleni ngabo bevayo, aze eze umtyholi alisuse ilizwi ezintliziyweni zabo, ukuze bangakholwa basindiswe.

13. Abo ke baselulwalweni ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele ngovuyo, kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, kuba bakholwa okomzuzwana, ze bathi bakuhendwa, balahle.

14. Leyo yawayo elukhuleni, ngabo bathi bevile baminxwe ekuhambeni kwabo ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baze bangavelisi ziqhamo.

15. Ke leyo isemhlabeni omhle ngabo bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bathwale iziqhamo benomonde.”

16. “Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

17. Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele, yaziwe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 8