Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 7:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile.

11. Emva koko uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekunye neqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.

12. Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho.

13. Ithe ke iNkosi, yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.”

14. Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!”

15. Wavuka wathi qwa umfi lowo, waza wathetha. INkosi ke yamnikela kunina.

16. Bonke ke bangenwa luloyiko, bamdumisa uThixo, besithi: “Kuvele *umshumayeli omkhulu phakathi kwethu;” batsho besithi: “UThixo ubavelele abantu bakhe.”

17. Ke ezi ndaba zingaye uYesu zavakala kulo lonke elakwaJuda, nakuwo wonke loo mmandla.

18. Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto. UYohane ke, ebize babini kubafundi bakhe,

19. wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”

20. Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ”

21. Ke kaloku, kwangelo xesha, uYesu wayephilisa abaninzi kwizifo zabo, nakwizibetho zabo, nakwiindimoni, waza neemfama ezininzi wazinika ukubona.

22. Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.

23. Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!”

24. Bakuba bemkile abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanya-zanyiswa ngumoya?

funda isahluko epheleleyo Uluka 7