34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane.
35. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.
36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”
37. “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.
38. Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”
39. UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na?
40. Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe.