Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:33-44 Ibhayibhile (XHO96)

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane.

35. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.

36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”

37. “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

38. Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”

39. UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na?

40. Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; xa afundiswe ngokupheleleyo, uya kwandula abe njengomfundisi wakhe.

41. “Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

42. Ungáthini na ukuba nako ukuthi kuwenu: ‘Wethu, khawume ndisikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ ukanti wena akuwuboni umqadi okwelakho iliso? Mhanahanisindini, qala ukhuphe umqadi lowo ukwelakho iliso! Wobona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.”

43. “Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle.

44. Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6