Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:30-39 Ibhayibhile (XHO96)

30. Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

31. Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.

32. “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo!

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

34. Xa nithi niboleke abo nithembe ukubuyiselwa ngabo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabolekana, ukuze babuyiselane.

35. Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.

36. Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”

37. “Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

38. Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”

39. UYesu ke wabenzela umzekeliso, wathi: “Ngaba imfama inokuyikhokela na enye imfama? Aziyi kuthi zombini zeyele emhadini yini na?

funda isahluko epheleleyo Uluka 6