Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:24-33 Ibhayibhile (XHO96)

24. “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku.

25. Mawoo, nina bahluthayo ngoku!Nina niya kulamba.Mawoo, nina bahlekayo ngoku!Niya kukhedama nilile nina.

26. “Kunyembelekile xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! Kaloku babesenjenjalo ooyise kubashumayeli abaxokayo.”

27. “Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo.

28. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

29. Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi.

30. Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

31. Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.

32. “Ukuba nithanda abo banithandayo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni bayabathanda abo babathandayo!

33. Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

funda isahluko epheleleyo Uluka 6