Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 6:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Basuka ke bona bajwaqeka ngumsindo, bebuzana bodwa ukuba bangamthini na uYesu.

12. Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo.

13. Kwakusa wababizela kuye abafundi bakhe, wanyula kubo balishumi elinambini, awababiza ngelokuba ngabathunywa.

14. Yayingâba: USimon, awamthiya ngelokuba nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi noYohane; uFilipu noBhartolomeyu;

15. uMatewu noTomas; uYakobi, lo ka-Alifeyu, noSimon ekuthiwa liTsha-ntliziyo;

16. uJudas kaYakobi, noJudas Sikariyoti, owaba ngumngcatshi.

17. UYesu wehla nabo entabeni, wema endaweni ethe tyaba, eneqela elikhulu labafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu, bevela kulo lonke elakwaJuda, naseJerusalem, nakuwo ummandla ongaselwandle ojikeleze iTire neSidon,

18. beze kumphulaphula nokuba abaphilise kwizifo zabo.

19. Yonke loo nkitha yabantu yayifuna ukumchukumisa, kuba wayenamandla okuphilisa, bephila bonke.

20. UYesu ebakhangele abafundi bakhe, wathi:“Hayi uyolo lwenu, nina basweleyo,kuba nilawulwa nguThixo!

21. Hayi uyolo lwenu, nina balambayo ngoku,kuba niya kuhlutha!Hayi uyolo lwenu, nina balilayo ngoku,kuba niya kuhleka!

22. “Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe *uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.

23. Ze nivuye ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba ngenene umvuzo wenu mkhulu ezulwini. Kaloku babesenjenjalo ooyise kubo *abashumayeli bamandulo.

24. “Kodwa mawoo, nina zityebi! Senilufumene ulonwabo lwenu nina kaloku.

funda isahluko epheleleyo Uluka 6