1. Kwathi uYesu ecanda emasimini *ngoMhla woPhumlo, abafundi bakhe bakha izikhwebu zengqolowa, bazichuba, batya.
2. Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?”
3. Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?