Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona.

8. Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.”

9. Yena nabo bonke ababenaye babemangalisiwe lolo banjiso lungako lweentlanzi.

10. Babemangalisiwe noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengabalingane bakaSimon. UYesu ke wathi kuSimon: “Ungoyiki. Ukususela namhlanje uya kuba ngumlobi wabantu.”

11. Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bashiya into yonke, balandela uYesu.

12. Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.”

13. Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa.

14. UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”

15. Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo.

16. Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.

17. Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5