Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:28-39 Ibhayibhile (XHO96)

28. Washiya konke ke, wamlandela.

29. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu.

30. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?”

31. Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.

32. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”

33. Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”

34. UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo?

35. Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.”

36. Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala.

37. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili; kuba, ukuba uthe wenjenjalo, iwayini leyo yobila, izigqabhuze iimvaba, ichitheke, zonakale nezo mvaba.

38. Iwayini engekabili mayithiwe kwiimvaba ezintsha.

39. Kananjalo akukho mntu uthi, esele iwayini endala, athande nengekatsali, kuba uthi: ‘Endala inencasa!’ ”

funda isahluko epheleleyo Uluka 5