Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:24-36 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”

25. Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo.

26. Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.”

27. Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.”

28. Washiya konke ke, wamlandela.

29. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu.

30. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?”

31. Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.

32. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”

33. Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”

34. UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo?

35. Hayi, kodwa yofika yona imini yokuba umyeni asuswe kubo. Ngaloo mini ke baya kukuzila ukutya.”

36. Ke kaloku uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Akukho mntu uthatha isiziba kwisambatho esitsha asithungele kwesidala, hleze asonakalise isambatho esitsha, sibe isiziba eso singasilungeli nesidala.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5