Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:2-14 Ibhayibhile (XHO96)

2. wabona izikhitshana ezibini ziselunxwemeni. Abalobi babephumile kuzo, behlamba iminatha.

3. Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni.

4. Akugqiba ukuthetha, wathi kuSimon: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.”

5. Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.”

6. Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo.

7. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona.

8. Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.”

9. Yena nabo bonke ababenaye babemangalisiwe lolo banjiso lungako lweentlanzi.

10. Babemangalisiwe noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengabalingane bakaSimon. UYesu ke wathi kuSimon: “Ungoyiki. Ukususela namhlanje uya kuba ngumlobi wabantu.”

11. Bakuba ke bezitsalele elunxwemeni izikhitshana, bashiya into yonke, balandela uYesu.

12. Kwathi uYesu ekwidolophu ethile kwafika indoda ithe gqume liqhenqa. Le ndoda ke, yakumbona uYesu, yawa ngobuso phambi kwakhe, yambongoza isithi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula, ukuba uyathanda.”

13. Wasolula uYesu isandla, wayichukumisa, esithi: “Ndiyathanda; hlambuluka.” Kwangoko laphela kuyo iqhenqa.

14. UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 5