Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:19-29 Ibhayibhile (XHO96)

19. Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.

20. Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”

21. Baza abachazi-mthetho nabaFarasi bathetha bodwa besithi: “Yini na ukuba lo mntu anyelise ngolu hlobo? Ngubani kakade onako ukuxolela izono ngaphandle koThixo?”

22. UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wabaphendula wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?

23. Okukona kulula kukuphi? Kukho ukuthi: ‘Izono zakho zixololwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’?

24. Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”

25. Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo.

26. Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.”

27. Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.”

28. Washiya konke ke, wamlandela.

29. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 5