Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 5:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYesu xa wayemi ngakuLwandle lwaseGenesarete, izihlwele zimxinile, zisiza kuva ilizwi likaThixo,

2. wabona izikhitshana ezibini ziselunxwemeni. Abalobi babephumile kuzo, behlamba iminatha.

3. Wathi ke, engene kwesinye isikhitshana esasisesikaSimon, wamcela ukuba akhe ashenxe kancinane elunxwemeni. UYesu ke wazifundisa izihlwele ehleli esikhitshaneni.

4. Akugqiba ukuthetha, wathi kuSimon: “Yiyani phakathi enzulwini, nihlise iminatha yenu, nibambise.”

5. Waphendula uSimon wathi kuye: “Mhlekazi, sibulaleke ubusuku bonke, asabamba nento le; kodwa ngokutsho kwakho ndiya kuwuhlisa umnatha.”

6. Bathi bakwenjenjalo, babambisa inkitha yeentlanzi, kangangokuba waphants' ukuqhaqheka umnatha wabo.

7. Baza bakhweba abalingane babo ababekwesinye isikhitshana, ukuba beze kubancedisa. Beza ke, bazizalisa zozibini izikhitshana, zada zaphants' ukutshona.

8. Ekubonile okwenzekileyo, uPetros waguqa phambi koYesu, wathi: “Mka kum, Nkosi, kuba ndiyindoda engumoni.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 5