Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:31-44 Ibhayibhile (XHO96)

31. Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu.

32. Bamangaliswa kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya.

33. Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni.

34. Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!”

35. UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga.

36. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!”

37. Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla.

38. Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye.

39. Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya.

40. Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa.

41. Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.”Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu.

42. Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo.

43. Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.”

44. Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo Uluka 4