Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:

18. “UMoya weNkosi undongamele,ngoko ke indithambisile;indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19. ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

20. Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye;

21. waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.”

22. Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?”

23. UYesu ke wathi kubo: “Eneneni niya kulibhekisa kum eli qhalo lithi: ‘Gqirha, ziphilise;’ nize nithi: ‘Nakowenu apha yenza okungangoko sive ukuba ukwenzile eKapernahum.’ ” Wathi ke:

24. “Ndithi kuni, inene, akukho mshumayeli wamkelekileyo kowabo.

25. Enyanisweni babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalibalele iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, kukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe.

26. Kanti ke uEliya zange athunywe nakumnye kubo; kuphela wathunywa kumhlolokazi waseSarfati kwelaseSidon.

27. Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngemihla yomshumayeli uElisha; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo ngaphandle koNahaman umSiriya.”

28. Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo,

funda isahluko epheleleyo Uluka 4