Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 4:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”

12. Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”

13. Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.

14. UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla.

15. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.

16. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde;

17. waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:

18. “UMoya weNkosi undongamele,ngoko ke indithambisile;indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19. ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

20. Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye;

funda isahluko epheleleyo Uluka 4