Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Balifumana ilitye liqengqiwe, lisusiwe engcwabeni.

3. Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.

4. Kwathi, besakhohliwe yile nto, kwathi gqi amadoda amabini ngakubo, enezambatho ezibengezelayo.

5. Basuka boyika abafazi, baqondela phantsi, aza athi loo madoda: “Yini na ukuba ophilayo nimfune kwabafileyo? [

6. Akakho apha, uvukile.] Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili,

7. esithi: ‘*UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’ ”

8. Bawakhumbula ke amazwi akhe.

9. Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24