Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;

18. waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”

19. Wathi kubo: “Zinto zini na?”Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu.

20. Ababingeleli abaziintloko nabaphathi bethu bamnikela ukuba agwetyelwe ukufa, waza wabethelelwa emnqamlezweni.

21. Ke thina besithembe ukuba nguye owokhulula uSirayeli. Kunjalo nje namhlanje lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.

22. Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile,

23. kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila.

24. Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”

25. Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli!

26. *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?”

27. Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.

28. Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha;

29. baza bona bamcela besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nemini seyimkile.” Wangena ke ukuba ahlale nabo.

30. Wathi, esetafileni kunye nabo, wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24