Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 24:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.

15. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo,

16. kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane.

17. UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;

18. waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”

19. Wathi kubo: “Zinto zini na?”Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 24