Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 23:32-46 Ibhayibhile (XHO96)

32. Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.

33. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

34. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

35. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”

36. Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,

37. esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”

38. Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”

39. Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”

40. Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje?

41. Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.”

42. Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”

43. UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”

44. Ke kaloku kwakumalunga nentsimbi yeshumi elinambini emini, laza lasuka latshona emini ilanga, kwaba mnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

45. Ikhuselo legumbi eliyingcwele *yendlu kaThixo lakrazuka kubini.

46. Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

funda isahluko epheleleyo Uluka 23