Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 22:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. waza wavuma, waba soloko ezungula ukufumana ithuba lokumbambisa kungekho sihlwele.

7. Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika.

8. UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”

9. Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”

10. Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;

11. nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’

12. Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”

13. Bemka, bafika kunjengoko ebetshilo kubo, baza bayilungiselela iPasika.

14. Lakufika ixesha, uYesu uye kuhlala etafileni enabathunywa bakhe;

15. waza wathi kubo: “Bendilangazelela kakhulu ukuyitya kunye nani le Pasika, ndingekabuva ubunzima.

funda isahluko epheleleyo Uluka 22