33. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
34. “Zilumkeleni ke, hleze iintliziyo zenu zenziwe buthuntu buburhovu, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo;
35. kuba iya kubafikela ngokomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
36. Ke ngoko phaphamani maxa onke, nikhunga, ukuze nibe namandla okuziphepha zonke ezi zinto ziza kwenzeka, nize nibe nokuma phambi *koNyana woLuntu.”
37. Ke kaloku emini uYesu ebefundisa *endlwini kaThixo, athi ngokuhlwa aye kulala eNtabeni yemiNquma.
38. Kwakusasa bonke abantu babesiza kumphulaphula endlwini kaThixo.