Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke,

4. kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”

5. Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi:

6. “Niyazibona zonke ezi zinto? Kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye lingàdilizwa.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 21