Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.

22. Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.

23. Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.

24. Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”

25. “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza.

26. Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.

27. Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.

28. Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”

funda isahluko epheleleyo Uluka 21