Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 21:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, kwiindawo ngeendawo kubekho indlala nendyikityha yokufa. Kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.

12. “Ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, baya kunibamba, banitshutshise beninikela *ezindlwini zesikhungo nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.

13. Oko ke kuya kuba lithuba lenu lokungqina.

14. Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo,

15. kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani.

16. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni.

17. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

18. Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu.

19. Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”

20. “Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo.

21. Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.

22. Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.

23. Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 21