Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 20:31-41 Ibhayibhile (XHO96)

31. Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana.

32. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.

33. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”

34. Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa;

35. kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa.

36. Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo.

37. Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.

38. AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.”

39. Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!”

40. Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.

41. Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’?

funda isahluko epheleleyo Uluka 20