Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:46-52 Ibhayibhile (XHO96)

46. Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.

47. Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.

48. Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”

49. Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?”

50. Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.

51. Wahamba nabo, waya kufika eNazarete. Wayebalulamela abazali bakhe. Wazigcina unina ezo zinto entliziyweni yakhe.

52. UYesu ke wakhula ngesithomo nangobulumko, ebabalwa nguThixo, ethandwa ngabantu.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2