43. Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe.
44. Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.
45. Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna.
46. Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.
47. Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.
48. Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”