Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:34-46 Ibhayibhile (XHO96)

34. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina: “Uyabona, lo Mntwana umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo,

35. ze ngale nkcaso kutyhileke iingcamango zabaninzi. Kanti ke nowakho umphefumlo uya kubindeka.”

36. Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe,

37. waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini.

38. Wasondela ke ngelo lixa uAna, wathelela ekudumiseni uThixo. Wayethetha ngoMntwana lowo kubo bonke ababelindele ukukhululwa kweJerusalem.

39. Bakuba ke bezifezekisile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela eNazarete, idolophu yakowabo kwelaseGalili.

40. Ke kaloku uYesu wakhula, waya esomelela, enobulumko obukhulu, ubabalo lukaThixo lunaye.

41. Abazali bakhe babehambela eJerusalem minyaka le, besiya kwitheko *lePasika.

42. Kuthe ke xa uYesu wayeminyaka ilishumi elinambini ezelwe, baya ePasikeni eJerusalem ngokwesiqhelo.

43. Zakuba zigqithile iintsuku zelo theko, bagoduka, kanti uYesu usele eJerusalem. Phofu babengaqondi abazali bakhe.

44. Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.

45. Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna.

46. Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2