Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:22-30 Ibhayibhile (XHO96)

22. Zakuba ke zifezekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo *ngokomthetho kaMosis, uJosefu noMariya benyuka naye uYesu, baya eJerusalem, ukuze bamnikele eNkosini,

23. njengoko kubhaliwe emthethweni weNkosi kwathiwa: “Yonke into eliduna eyeyamazibulo mayinikelwe eNkosini.”

24. Babesiya kwenza nomnikelo, njengoko kusitshiwo emthethweni weNkosi ukuthi: “Makunikelwe ngesibini samahobe, nokuba ngamathole amabini evukuthu.”

25. EJerusalem apho kwakukho umntu ogama linguSimon. Wayelilungisa, emhlonela uThixo, elindele ukuthuthuzelwa kwamaSirayeli, enefuthe likaMoya oyiNgcwele.

26. Wayetyhilelwe nguMoya oyiNgcwele ukuba akayi kufa engekamboni uKrestu weNkosi.

27. Waya endlwini kaThixo, ethunywa nguMoya. Kwathi ke, akungeniswa uYesu ngabazali bakhe, befezekisa umthetho,

28. uSimon wamfunqula, wabonga uThixo, wathi:

29. “Nkosi, ngokwesithembiso sakho,uyasikhulula ngoku isicaka sakho sinoxolo,

30. kuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

funda isahluko epheleleyo Uluka 2