Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 2:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise.

2. Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya.

3. Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.

4. UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide.

5. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe,

6. kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe.

7. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

8. Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku.

funda isahluko epheleleyo Uluka 2