Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 19:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYesu wangena eJeriko, egqitha khona.

2. Ke kaloku kwakukho ndoda ibizwa ngokuba nguZakeyi, eyayiyintloko yabaqokeleli-rhafu, isisityebi.

3. Yayifuna ukubona uYesu, kodwa ngenxa yokusithwa yindimbane ayaba nako, kuba yayimfutshane ngesithomo.

4. Yabaleka ke, yaya ngaphambili, yakhwela emthini womthombe ukuze imbone, kuba wayeza kudlula apho.

5. Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wathi kuyo: “Zakeyi, khawuleza uhle, kuba namhlanje ndimelwe kukuba lundwendwe lwakho.”

6. Wakhawuleza ke wehla uZakeyi, waza wamkela uYesu ngovuyo.

7. Bakuyibona loo nto, bakhalaza bonke, besithi: “Uye kungena endlwini yomntu *ongumoni.”

8. Waphakama uZakeyi, wathi kuyo iNkosi: “Khangela, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu. Kanti nokuba ndidle nto kabani na ngobuqhetseba, ndimbuyisela kane.”

9. Ke uYesu wathi kuye: “Namhlanje lufikile usindiso kule ndlu, kuba noZakeyi lo ungunyana ka-Abraham.

10. Kaloku yena *uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.”

11. UYesu wabenzela umzekeliso abo babemva ethetha ezi zinto. Wayeselekufuphi neJerusalem; baye bona besiba ulawulo lukaThixo loba seluzinzile ngelo xesha.

12. Ke wathi: “Inkosana ethile yahambela kwilizwe elikude, isiya kuthatha amagunya okulawula, iza kubuya ibuye.

13. Izibizile ke izicaka zayo ezilishumi, yazinika imali engangekhulu leerandi sisinye, yathi kuzo: ‘Rhwebani, ndide ndibuye.’

funda isahluko epheleleyo Uluka 19