Waqhuba ke uYesu wathi: “Nam ndithi kuni, ubutyebi obu bùdla ngokufunyanwa ngobuqhetseba, busebenziseni nina ngendlela eya kunakhela ubuhlobo, khon' ukuze nakuphelelwa bobo butyebi, nibe nokwamkelwa eminqubeni yaphakade.