Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 15:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”

8. “Kananjalo nguwuphi na umfazi onokuthi eneenkozo zemali ezilishumi, kuze kulahleke lube lunye kuzo, angalumeki isibane, atshayele indlu, afunisise enyamekile, ade alufumane?

9. Akulufumana ke, ubabizela ndawonye abahlobo nabamelwane, athi: ‘Vuyisanani nam; ndilufumene ukhozo lwemali obelulahlekile.’

10. Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.”

11. Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini.

12. Yathi ke inci kuyise: ‘Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.’ Wababela ke impahla leyo.

13. Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali.

14. Kwathi yakuba iyichithe yonke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, yaza yaswela nayo.

15. Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu.

16. Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo.

17. Ke kaloku, yakubuyela ezingqondweni, yathi: ‘Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo abahlutha sisonka, kanti ndim lo mna ndisifa yindlala!

funda isahluko epheleleyo Uluka 15