Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni.

10. Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni;

11. kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

12. UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe.

13. Yithi xa wena unesidlo, umeme amahlwempu, iziqhwala, izilima, neemfama.

14. Wosikeleleka ke, kuba àbanako ukuphinda bakumeme bona – wena wobuyekezwa ekuvukeni kwamalungisa.”

15. Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babesemsithweni kunye noYesu, wathi kuye: “Unoyolo lowo uxhamla ubuncwane esidlweni solawulo lukaThixo.”

16. Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi.

17. Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.

18. Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

funda isahluko epheleleyo Uluka 14