Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:3-17 Ibhayibhile (XHO96)

3. Waza ke uYesu wabuza kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngoMhla woPhumlo?”

4. Bathi cwaka ke bona. Wayithatha ke indoda leyo, wayiphilisa, wayindulula,

5. wathi kubo: “Ngaba ngubani na kuni ongayi kuthi, yakweyela equleni inkwenkwe yakhe okanye inkomo yakhe, angayikhuphi kwangoko, nokuba kungoMhla wokuPhumla?”

6. Bakhohlwa kukumphendula kwezo zinto.

7. Akuyibona indlela abamenyiweyo abazisukela ngayo izihlalo eziphambili, uYesu uthethe umzekeliso kubo, esithi:

8. “Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngumntu, uze ungayi kuhlala kwesona sihlalo siphambili, hleze kuthi kanti ohloniphekileyo kunawe naye umenyiwe,

9. eze ke lowo unimemileyo aze athi kuwe: ‘Khawudedele lo mntu.’ Ke wena uya kunyoshoza, uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni.

10. Ke ngoko, xa uthe wamenywa, uze uye kuhlala kwindawo esekugqibeleni, ze kuthi akufika lowo ukumemileyo, athi kuwe: ‘Sihlobo, nyukela ngasentla.’ Wothi ke uhlonelwe ngabo bonke abo unabo emsithweni;

11. kaloku wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa, nozithobayo uya kuphakanyiswa.”

12. UYesu ke wabhekisa kulowo wayemmemile, wathi: “Xa ubizela abantu esidlweni, uze ungamemi zihlobo zakho, nabantakwenu, nazizalwane zakho, nabamelwane bakho abazizityebi, hleze nabo baphinde bakumeme, kuze oko kube yimbuyekezo kuwe.

13. Yithi xa wena unesidlo, umeme amahlwempu, iziqhwala, izilima, neemfama.

14. Wosikeleleka ke, kuba àbanako ukuphinda bakumeme bona – wena wobuyekezwa ekuvukeni kwamalungisa.”

15. Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babesemsithweni kunye noYesu, wathi kuye: “Unoyolo lowo uxhamla ubuncwane esidlweni solawulo lukaThixo.”

16. Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi.

17. Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.

funda isahluko epheleleyo Uluka 14