Testamente Endala

Testamente Entsha

Uluka 14:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’

20. Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’

21. Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’

22. Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’

23. Yathi inkosi kwisicaka eso: ‘Phuma uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.

24. Inene, akukho namnye kuloo madoda abemenyiwe iya kusiva isidlo sam.’ ”

25. Kwakukho isihlwele sihamba noYesu, waza wajika wathi kuso:

26. “Ukuba ubani uza kum, angancami uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabantakwabo, noodade wabo, ewe, kwanobakhe ubomi obu, akanakuba ngumfundi wam.

27. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe andilandele, akanakuba ngumfundi wam.

28. “Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

funda isahluko epheleleyo Uluka 14